info@buecher-doppler.ch
056 222 53 47
Warenkorb
Ihr Warenkorb ist leer.
Gesamt
0,00 CHF
  • Start
  • Mhla Latsh' Ibhayi

Mhla Latsh' Ibhayi

Angebote / Angebote:

Isihloko sale ngqwebo sithi, 'Mhla Latsh' iBhayi' into ethetha ukuba kuza kwaziwana. Nangona kusaziwana kunjalo ke, ubukhulu becala amabali la ayacaca ukuba umbhali ziingontsi namasuka-ndihlale ahlangene nawo kulaa mimandla ikuMneno-Nciba kwatsho kwaqandusela la mabalana angcathu ancindi ivuzisa izinkcwe. Ubukhulu becala ngamabali la ayimvula-mehlo ukuba, 'okuze buponi kotshabalala, okuze ngamathontsi kozinza, ' njengoko oko uya kukufumanisa kwimixholo yamabalana afana no'INENE ULUNTU NGEZISULU'. Akhona amabali oya kuwafumanisa esityhilela izizeka-bani zoxinezelelo lwengqondo kubani, ngenxa yobugewu awathi wabhungca ngezikaSibi kubo, mabali awo afana no'ENDLELENI EBUYA E-ADDO'. Masingafinci ke bantakwethu, nqikani nizifincele. Kakade iqwela nesigananda sifincwa ngamakhwahla namagqala."Amabalana anonambitheko okomsindleko kumhambi, adiza ilihlo lokhozi kumbhali olirharha nonosiba olunyumbazayo. Ebalisa nje uyahlekisa kodwa uyafundisa. Mna ndithi qha, Zizi elimnyama neenkomo zalo zabalaza mzala womntu amathunzi anabile kukud' eBhayi, malitsh' iBhayi!" (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).
Folgt in ca. 10 Arbeitstagen

Preis

25,50 CHF

Artikel, die Sie kürzlich angesehen haben